Cabernet Franc

© Glenneis Kriel

Inkcazelo

Cabernet franc yindidi yomiliya enexolo elimnyama esetyenziswa kwimveliso ye wayini ebomvu yase tafileni. Kukholeleka ukuba yenye yezona ndidi zomdiliya zokuvelisa I wayini ebomvu, Ingxelo ye DNA icingela ukuba kusenokwenzeka ukuba iingcambu zayo zisuka ngqo kwi ntlobo yakudal eyi Biturica.

Neyathi nayo njenge Cabernet franc yaqala ukubakho e Basque, eSpain. Lendidi yomdiliya ichazwe njengonozala wenye yeyona midiliya ibalulekileyo etyalwa nekhuliswa kulemihla. Umxube wayo ne Sauvignon blanc wakhupha iCabernet Sauvignon, kunye ne Magdelaine noire yakhupha iMerlot.

Imvelaphi

ICabernet franc kukholeleka ukuba yasuka e Spain ukuya kumzantsi ntshona ngoncedo lwe pilgrims ezazisuka eSaint Jacques de Compostela zisiya eFrance. Imbali ithi u cardinal De Richelieu wasika imithana yesisityalo kumzantsintshona we France wayityala ecaleni komlambo i Loire.

Amanye amagama

Lo mdiliya waziwa ngamagama ohlukeneyo, kuquka iAchéria, Bidure, Boubet, Bouchet, Cabernet gris, Carmenet, Cabernet Franco kunye ne Véron.

Imveliso eMzantsi Afrika

Akukho nkcazelo icacayo ncam ukuba yaqala nini ukuziswa eMzantsi Afrika iCabernet franc, kodwa uprofessor Abraham Izak Perold wayesele ekucebisile ukulinywa kwayo neminyaka ye 1920, ngenxa yasakhono sayo sokuvelisa iwayini ezikumgangatho ophezulu.

Lo mdiliya waqala wasetyenziswa ukuvelisa imixube yehlobo lwe Bordeaux.Kwade kwangumnyaka ka 1998 apho u Norma Ratcliffe wase Warwick Estate kufuphi ne Stellenbosch, wabangummi wokuqala wase Mzantsi Afrika ukuvelisa I wayini ngalomdiliya wodwa ingaxutywanga neminye imidiliya.

Iingingqi eveliswa kuzo eMzantsi Afrika

Inginqgi ejongene ejongene nemveliso ye Cabernet franc oko ibizinzile ukusesela ngo 2009 . Imveliso yayo inomyinge nje ongaphantsi kwe pecenti enye eMzantsi Afrika. Nangona lomdiliya ityalwa kuzo zonke indawo ezivelisa iwayini kwelilize, eyona ndawo iveliswa kuyo kakhulu kuse Stellenbosch, ilandelwe yi Paarl.

Ukukhula

iCabernet franc ngumdiliya ochumaya. Inesivuno esilinganiselwa kwi 10t/ha ukuya kwi 14t/ha.

Ukuvuthwa

Imidiliya ivuthwa pha ekupheleni kwexesha lokulima ukuya phakathi ku Matshi.

Amagaqa omdiliya

Amagaqa walomdiliya abamnyama-luhlaza okwesibhakabhaka ngombala, arawndi kwaye mancinci, nangona ethande ukumakhudlwana kunalawoo e Cabernet Sauvignon. Ixolo liyacu-yacu kwaye lomelele, logama inyama iqinile inencasana engathi yingca.

Amagqabi

Amagqabi aluhlaza ocacileyo, aphinde abe luhlaza okhanyayp kunamagqabi we Cabernet Sauvignon, aphakathi ngokomlinganiselo arawndi kwaye anekona ezintlanu.

Izonakalisi nezifo

Lomdiliya uhlaselwa kakhulu kukungunda okubangathi ngumgubo

Imisebenzi

Cabernet franc yayikade isetyenziselwa ukuzisa ivumba nencasa kwi Merlot ne Carbenet Sauvignon kwimixube ye Bordeaux yakudala . Kulemihla izenzela igama eMzantsi Afrika njenge wayini eyenziwe ngomdiliya omnye.

Incasa

Iwayini isenokukhupha incasa eziqala kwebungcarha ukuya kumaqunube neziqhamo ezimnyama. Ikwanazo nencasa ze pepile nqu nezecuba.Translated by Zizipho Silwana