Brown House Snake
Inkwakhwa

© Tyrone Ping

Igama

Inkwakhwa [Boaedon capensis]

Inkcukacha Ezibalulekileyo

Uluhlu: Reptilia
Ubume: Squamata
Usapho: Colubridae
Ezinye iindidi: Inkwakhwa yohlulwa yazindidi ezi 7 kwilizwekazi lonke le Afrika
Ubude (Imazi): 783 mm
Ubude (Inkunzi): 656 mm

Inkangeleko

Inkwakhwa yinyoka enkulu enentloko enkulu egqamileyo namaqweqwe omzimba amancinci. Inombala ofanayo obomvu-mdaka. Iinyoka ezinkulu, esele zindala zimnyama zona. Inemigca emibini engacacanga ethyeli emacaleni entloko.

Apho Ifumaneka Khona

Inkwakhwa ifumaneka ku mazantshi eAfrika kunye nezinye iindidi ezinamagama ohlukeneyo kwizwekazi lonke le Afrika.

Ukuzala

Ibeka amaqanda afikelela kwi 16 ehlotyeni, kwaye lamaqanda athatha intsuku ezingama 60-90 ukuze agqibelele. Amantshontsho anobude ubungama 190-260 mm.