Boomslang
Inyushu

© Roger de la Harpe

Igama

Inyushu [Dispholidus typus]

Uluhlu

Reptilia

Ubume

Squamata

Usapho

Colubridae

Ezinye iindidi

Nangona isohlulwa hluwa ngekoluhlu neendidi ezininzi. Inye kuphela indidi yalenyoka.

Ubude (Imazi)

1260 mm

Ubude (Inkunzi)

1290 mm

Inkangeleko

Inyushu yinyoka enkulu enentloko eyohlukileyo, kunye namehlo amakhulu anengqakumba ezinkulu ezi rawndi. Umbala wayo uyashiyana. Isenokuba luhlaza okwe gqabi okanye ibe mnyama nongwevu, namaqweqwe amnyama esisu. Okanye ibebomvu okwe stena ukuya kubomvu-orusileyo. Kunye nesisu esi orenji okanye esi pinki.

Apho zifumaneka khona

Inyushu ifumaneka kwindawo ezinobushushu e Afrika, ibakho kwingingqi ezisemantla ukunwenwela entshona nakumazantsi onxweme ukuya e Kapa.

Ukuzala

Zimithisana entwasahlobo,ibeka amaqanda ali 10-14 kumagoboza emithu okanye kwimfumba yamagqabi e hlotyeni. Ukufukama kuthatha isithuba senyanga ezi 2-3.

Ubuhlungu

Ubuhlungu bayo bunobungozi bubizwa nge haemotoxin nobenze igazi lingajiyi, ixhoba lingabulawa kukopha. Naxa kunjalo inyushu inentloni kwaye ayifane ilume, amaxesha amaninzi ithi ilume xa iye yabanjwa.

Isidlo

Iphila kukutya izilwanyana ezincinci ezirhubuluzayo,ingakumbi amalovane.