Black Mamba
iMamba emnyama

© Roger de la Harpe

Igama

iMamba emnyama [Dendroaspis polylepis]

Iinkcukacha ezibalulekileyo

Uluhlu - Reptilia
Ubume - Squamata
Usapho - Elapidae
Ubude (Imazi) - 2 530 mm
Ubude (Inkunzi) - 2 330 mm

Inkangeleko

IMamba emnyama, yinyoka enkulu, enentloko embaca, eyakhiwe okwe bhokisi yomngcwabo. Inamaqweqwe amtyibilizi. Umqolo wonke umnyarha-bukumdaka ngebala, azange yabonwa emnyama khaca. Isisu sayp singwevu-luhlaza wengca ongacaciyo kunye nezibhaxu ezimnyama, umlomo ujikelezwe ngumgca omnyama.

Apho ifumaneka khona

Ii Mamba ezimnyama zifumaneka kwindawo ezikumantla e Afrika( azifumaneki entlango), ukunwenwela emazantsi a Kwa-Zulu Natal kumanxweme ase Port St Johns nakwezinye indawo, ukuya e Senegal nase Somalia.

Ukuzala

Ibeka amaqanda ali 12-17 kwindawo ezakhiwe yimibungu. Lamaqanda aqandusela emva kwentsuku ezingama 80-0; kwaye zikhula msinya, iMamba ingafikelela kubude obungama 2000 mm ngonyaka wayo wokuqala izelwe.

Ubuhlungu

Ityhefu yazo ingonzakalisa ingqondo ne ntliziyo, ngexesha ikhupha ityhefu engama 100-400 mg; kwesi sibalo i 10-15 mg ingambulala umntu.

Isidlo

IMamba emnyama iphila ngentaka ezisandula kohlukana nonina nezilwanyana ezincinci ezifana neempuku nono gwaja.