Amayeza Esintu kunye Nemilingo Kuluntu LwamaZulu

Amaxhwele kunye Namagqirha

©Dr Peter Magubane

Anemvelaphi yawo amayeza esintu kuluntu lwamaZulu. Kwaye imisebenzi yawo kunye nendlela asetyenziswa ngayo sele ithande ukutshintsha ngokuye kuhamba kweminyaka. AmaZulu enza umahluko phakathi kwe xhwele (inyanga yokwelapha), umsebenzi walo lona kukunyanga ngamayeza enziwe ngezityalo kunye nezilwanyana.

Igqirha lona, (inyanga yokubhula), liyavumisa okanye abhule unobangela wezikhalazo lisebenzisa amathambo, amakhoba, iingcambu kunye nobunye ubukhohlombe. Igqirha ligcina ezi zinto kwisingxobo esikhethekileyo, nalapho siye siphoswe kwikhuko, ngokungathi kuphoswa amadayisi. Indlela aye awele ngayo phantsi, igqirha liye likwazi ukuchazela lowo uze kuhlola, iingxaki zakhe.

Zimbini iintlobo zamagqirha: isangoma sona sikwazi ukuqhakamshelana nezinyanya, size sinike amayeza ngokwemiyalelo yezinyanya. La mayeza aye afunyanwe kwi nyanga yokubhula. Isanusi ligqirha esikwaziyo ukubona amagqwirha nabo benza imisebenzi engcolileyo.

Isangoma

©Dr Peter Magubane

Inyanga (izinyanga ngesininzi) kunye ne sangoma zifumana ulwazi lwazi kunye nezakhono ngokuthi zithwasisw iminyaka emininzi engafikelela kuma 20.

Ngokwesintu, abanyangi ababhinqileyo naba ngamadoda anesikhundla esiphezulu kakhulu kuluntu. Amaxa amaninzi akwisikhundla esilandela esenkosi. Kuluntu lwalemihla lwempucuko, esi sikhundla sele sibonwa njengeso butyebi. Unintsi lwe izinyanga ezise zidolophini lunee venkile apho zinamagumbi okusebenza abantu, nalapho baye bathengisele abantu amayeza.

Translated by Zizipho Silwana