Amasiko aBasotho Olwaluko

Ukwaluka Kwamakhwenkwe aBasotho

©Dr Peter Magubane

Ngaphambi kokuba abefundisi beemishini baze nezikolo, amakhwenkwe ayefundiswa xa esiya kwaluka. Eli siko laliphawula ukukhula ukusuka ebuntwaneni ukuya ebuntwini omdala. Abefundisi bezi mishini bayikhaba into yokwaluka, kwaye yaye yanqaba ngeminyaka yolawulo lwamaNgesi, ngaphandle kwakwiintaba ze Tlokoa.

Kwiminyaka embalwa edlulileyo eli siko sele liphinde labuya, kwaye unintsi lwabantu abatsha luyoluka. Iminyaka emininzi ngaphambi kokuba baye kwaluka amakhwenkwe ayelibona eli siko njengelibalulekileyo kwaye liyeyona nto bayingxameleyo ngokukhula. Ngaphandle kokwaluka, amakhwenkwe awanakho ukuthabatha inkxaxheba kwizinto ezithile zoluntu.

Kwaye into eyenziwa entabeni ngethuba amakhwenkwe esiya kwaluka igcinwa iyimfihlo eyaziwa ngabo sebesuka kuyo kuphela. Amakhwenkwe oluselwa kwiindawo ekude nemizi ebizwa nge mophato, neyakhwelw entabeni. Kwaye amakhwenkwe awakwazi amawukulindele de abe kanti ayafika entabeni apho. Le mophato ngodederhu lwamasiko namatheko athatha iintsuku ezifikelela kwisi thathu. Abazali kunye nezihlobo zabakhwetha bahlangana ndawoni nye, kuselwe umqombothi kwenziwe nemigcobo.

Malunga nasezinzulwini zobusuku babeye bathathwe basiwe kwindawo ekwakhiwe kuyo ezi zindlu zabo zibizwa nge mophato. Xa kuphuma ilanga inkwenkwe nganye yayithathwa isiwe kwindawo ebucala nalapho iza kwaluswa ngamadoda aqeqeshelwe lomsebenzi. Xa egqityiwe ukwaluswa, amakhwenkwe ayeshiywa apho ehlathini ukuza aphole.

Emva kwethutyana babephathelwa isitya esikhulu seyeza elenziwe ngamafutha adityaniswe ngamagaqa esityalo esinamandla esibizwa nge leshoma, ukuze basele bathomalalise iintlungu. Imophato yayisakhiwa ngamadoda anikwe uxanduva lalomsebenzi wolwaluko. Abakhwetha babehlala kulendlu.

Kwiinyanga ezintathu ezilandelayo babenikwa imiyalelo ngengoma, ngomxhentso, imbali kunye nendlela yokuziphatha eluntwini kuquka imbeko nobuntu. Izinto ezazigxininiswa ngakumbi yayi kukunyaniseka, ukuthembeka, isibindi, isithozela, kunye nokuhlonela abazali, abantu abadala kunye neNkosi. Babeye bavavanywe ngemisebenzi enzima efana nokunyuka iintaba okanye bavuswe nangaliphi na ixesha ukuba bacule iingoma ezithile baphendule nemibuzo.

Babengafane balale ubuthongo obungena ziphazamiso. Kwaye nobo buthongo babungathanga cicilili ngoba babelala ngengubo enye eyenziwe ngofele, kwaye babesiya kwaluka ebusika kuphela, kanye xa amaqondo engqele eqhaqhazelisa amazinyo.

Kusuku lokugqibela esuthwini, iimbiza zomdongwe ebezisetyenziselwa ukugcina ukutya zazisophulwa ize nendlu yabo ebizwa nge mophato yayitshiswa. Esi senzo yayiluphawu lokutshintsha kubomi obudala besiya kobutsha. Amakrwala ayesamkwelwa kwakhona elalini yinkosi ngomcimbikazi omkhulu.

Ulwaluko Lwa Mabhinqa aBasotho

©Dr Peter Magubane

Amantombazana ohlanga lwaBasotho aminyaka iphakathi kwe 15 kunye nama 20, nawo ayesoluswa. Indlela awayesoluswa ngayo wona yayingekho nzima njengaleyo yamakhwenkwe. Kodwa ke, injongo yona yayifana: Ukwenza umcimbi ozakulungiselela amantombazana ekungeneni ebudaleni.

Yayikwa ngumsebenzi onqwenelekayo, nangona kwakunganyanzelekanga, ukuba amantombazane oluswe kanye ngaphambi kokuba atshate. Kwakukholeleka ukuba oku kwakusenza ukuba kubelula ukuba intombazana imithe msinya xa yolusiwe. Ngamanye amaxesha xa umfazi ongolukanga engade amithe/azale, umyeni wakhe wayeye amthumele esuthwini ukuba aye kwaluka.

Namhlanje ulwaluko lubonwa ngendlela entsha neyahlukileyo. Lendlela yayanyaniswa nokubambelela kumasiko nokuzidla ngobuhlanga bokuba nguMsotho nokuba ngumAfrika. Logama elisiko lisenziwa ngendlela efanayo naleyo yamandulo, zikhona iindawana ezitshintshiweyo ukuze lihambelane namaxesha alemihla.

Owona mahluko uqaphelekayo walemihla kukuba ulwalulo/ ukuhlala entabeni kwabakhwetha akusathathi xesha lide njenga mandulo, nangona uvavanyo olunzima lokunyamezela lusenzima kanye nje ngolo lwamandulo.

Translated by Zizipho Silwana