Amaphawu eCoat of Arms yase Mzantsi Afrika

iCoat of Arms entsha yase Mzantsi Afrika yenziwe ngezinto ezimbini, ezibiza nge ovali esisiseko se esingaphantsi kunye ne ovali engentla. Ngezantsi kukho ingcaciso yamaphawu akhethiweyo ukunceda ekubaliseni ibali loMzantsi Afrika kunye nokufika kwe Nkululeko ka wonke wonke kwilizwe loMzantsi Afrika.

iOvali Esisiseko

iMotto – Ibhalwe ngolwimi lwama Khoisan lwabantu bohlanga lwe /Xam, !ke e: /xarra //ke, nethetha ukuba ‘Bantu abohlukileyo Manyanani.’ Xa siyijonga ngokomntu ngamnye, ibonakalisa umanyano phakathi kweengcinga zakhe kunye neezenzo zakhe. Ngokwabantu abaninzi, ibonakalisa ukuba njengesize kufanele simanyane sisisizwe kwaye sizidle ngobuzwe bethu.
©Jacques Marais
Amaphondo Endlovu – Iindlovu zaziwa ngokuba nolwazi kunye namandla. Kwi Coat of Arms, zikwamele ukukhalipha nokuma ngona phakade.
©Tracey Derrick
Ingqolowa – Ingqolowa imele ukuchuma nokwanda. Ukuchuma nokwanfa kwengqolowa kunye nokuphucuka kwesizwe sethu ukuze siphumelele sinqandwe ziinkwekwezi. Ikwabhekiselele nasekondlekeni kwabantu kwaye imele intaphane yezolimo kumhlaba welizwe lethu.
©Roger de la Harpe
Ikhaka – Linemisebenzi emibini kwi Coat of Arms, limele umoya wokukhusela isizwe sethu kwaye likwa bambe nemifanekiso emele ubuni bethu.
©Roger de la Harpe
Imifanekiso Yabantu – Le mifanekiso icatshulwe kwilitye eliyindumasi ehlabathini eliluhlobo lwe Linton. Lo mzobo ngoku ugcinwe kwi Muziyamu yoMzantsi Afrika eKapa. Njengabona bantu bokuqala ukuhlala emhlabeni wethu, ama Khoisan, angumzekelo wokufana kobuntu bethu nenkcubeko yethu njengabemi boMzantsi Afrika. Le mifanekiso ibonakala ibulisana, oku kubonakalisa umanyano. Ikwa bonakalisa ihambo yomntu nganye eya ekumanyaneni nabanye abantu ukuze kwakheke isizwe esincedanayo nesiphilisanayo.
©Roger de la Harpe
Umkhonto ne Gqudu – Ezi zikhali zimele ukhuselek kunye nolawulo. Zikwamele imilenze eyomeleleyo yentaka ekule Coat of Arms. Njengoko lomkhonto negqudu zibekwe phantsi, oku kuthetha uxolo.

i-Ovali Engasentla

©Nigel Dennis
iNdlungi/Protea – Iboniswa njenge emblem emele ubuhle belizwe lethu, kunye nentyatyambo emele ukukwazi kwethu, njengesizwe ukufuna i-Afrika Entsha-African Renaissance. Ikwabonakalisa ukukhula okusuka emhlabeni ukuze kuphilise/kondle ubomi obuphila ngaphezulu emhlabeni, konke oku kugqibelelisa ukudibana okuphantsi komhlaba nangaphezulu. Eyona mibala idumileyo ye Afrika inikwe indlungi/protea: Luhlaza, golide kunye no mnyama.
©Shem Compion
iNgxangxosi - Kwi Coat of Arms intaka eyi ngxangxosi iboniswa indanda, nto leyo ibonisa amendu kunye nokukhula. Intaka enamandla, nemilenze eboniswa nge gqudu kunye nomkhonto, incedisa ekuzingelweni kweenyoka, nto leyo ebonakalisa ukhuseleko lwesizwe kwiintshaba. Le ntaka sisithunywa sama zulu, olu luphawu lobunyulu bayo. Amaphiko aphakamileyo aluphawu lokunyuka kwesizwe sethu, logama asinika nokhuseleko. Ingxangxosi ibonakwaliswe ngombala ogolide. Lombala uluphawu lwelanga kunye nawona mandla aphezulu.
©Shem Compion
Ilanga Eliphumayo – Ilanga liphawu lokukhanya kunye na mandla. Luphawu lolwazi, ukugweba ngendlela eyiyo, ukuzimisela, ukuzibona nokuzazi kunye nesithembiso sokuzalwa ngokutsha. Lingumthombo wabo bonke ubomi, wokukhanya kwaye limele ukuphelela koluntu luphela. Zonke ii-elementi ezikwi Coat of Arms zidibene ukuze zenze ii-ovali ezingezantsi nezingasentla ezibonakalisa ubomi obunguna phakade. Ukusuka kuma phondo ukuya kwilanga eliphumayo kwenzeka iqanda nalapho kuphuma khona lentaka iyi ngxangxosi. Olu ke luphawu olubonakalisa ukuzalwa ngokutsha komoya wegokra elikhulu eli sisizwe sethu soMzantsi Afrika.Translated by Zizipho Silwana

Amaphawu Esizwe Kunye Namaxesha

Abemi boMzantsi Afrika baye babandakanyeka kwiingxoxo zoluntu ukuze bagqibezele ukwenziwa kwamaphawu amatsha esizwe....more

Imbali Yamaphawu Esizwe oMzantsi Afrika Omtsha

Emva konyulo lokuqala lika wonke wonke ngomnyaka ka 1994, iKomishini Yamaphawu Esizwe-National Symbols Commission yathatha uxanduva lokubuza...more