Amanzi eeNyosi

©Wildflower Meadows
Water sources for bees need enough surface areas to prevent bees from drowing.
Iinyosi zobusi zidinga amanzi ngenjongo ezimbini eziphambili. Oko kuqala, amanzi asetyenziswa ukungxenga ubusi obu crystallised ukuze bugalelwe ekutyeni kwamantshontsho. Okwesibini, iinyosi zobusi zidinga amanzi ukupholisa iindawo ezihlala kuyo (hive). Zenza oku ngokutshiza nje kancinane xa amaqondo obushushu engaphaya kwama 35°C. Umphunga wala manzi apholisa umoya oshushu ongaphakathi kwitsili uncede nasekugcineni itsili likumaqondo aphakathi ukuqinisekisa ukuba amaqanda ayaqandusela.
Ngexesha lase hlotyni, ukuxinana okungaphakathi kwetsili kufanele kuzise ukufuma okwaneleyo. Oku ke, kusenokubangela ukufuma okuninzi. Nto leyo inokukhokelela ekuvuzeni kwamanzi. Oku ke kungazibulala iinyosi ukuba akukho moya oneleyo phakathi kwitsili. Iinyosi zingadinga amanzi xa zithuthwa zibe zihamba imigama emide.

Indlela Yokuseza Iinyosi Amanzi

Iinyosi aziwagcini amanzi kwiindawo ezihlala kuzo. Kufuneka ziphume ziyokufuna amanzi ngaphandle. Ukuba akukho mthombo wendalo wamanzi okufutshane ne tsili, kufuneka uziseze ngokwakho iinyosi zakho. Ukubakho kwamanzi acocekileyo nakufuphi kunganceda ekunciphiseni amandla asetyenziswa ziinyosi ekukhangeleni amanzi.
Ngokwendalo, iinyosi zifunxa amanzi kwiindawo emanzi efana nomhlaba (okanye kwimpahla emanzi exhonywe ecingweni). Aziwafunxi amanzi kwindawo edame amanzi amaninzi.
Inkonkxa evuleke kangaka ngama 75 cm² (malunga nomlinganiselo wesiciko sebhotolo esingama 500 g) ingonela ikoloni nganye. Indawo yokuma kufuneka ibenkulu kunendawo enamanzi-Umzekelo, isosari enamapeka. Kungenjalo, ungabeka into ethile ezakudada ngaphezulu emanzini noba ligqabi ukukhusela iinyosi zingahraxwa.
Usenokugalela namanzi ekutyeni kweenkukhu okugalelwe amatye ambalwa. Iindawo zokuselela zohlobo lwe entrance type feeders nazo zingasetyenziswa, kodwa indawo yokuselela yeenyosi zonke, ekufutshane yeyona ilungileyo. Qinisekisa ukuba amanzi owabekele iinyosi awaselwa nazezinye izilwanyana.

Eyona Mithombo Ilungileyo yeeNyosi

©Bogdan Giuşcă
Bees prefer a water source with some salt such as swimming pools.
Ukuba iinyosi zingazicelela amanzi azo, zingafuna amanzi anobutyiwarha. Umzekelo, zikholwa ngumchamo okanye amanzi asepulini ngaphezu kwalawo esedameni. Uphando lakutsha nje lubonakalise ukuba iinyosi zikholwa ngamanzi enityiwa ebalelwa kwi 0.15 – 0.3% (NaCl). Esi sibalo simalunga netispuni elinye letyiwa kwii litha ezi 3.5 zamanzi. Iinyosi zikwathanda namanz athe kratya kwi18°C ukufudumala.
Xa ukhetha kweyona ndlela ingcono yokuseza iinyosi, kuyanceda ukucinga njenge nyosi. Amehlo eenyosi (omahlanu) alungiselelwe ukuqaphela ukutshintsha kwinto ezigungqayo kunye namaqondo okukhanya. Kodwa ke, xa zibhabhela phezulu ngesantya esiphezulu, zisenokungawaboni amanzi.
Abaphandi ngeenyosi bafumanise ukuba iinyosi ziwava ngevumba amanzi. Amanzi anuka umhlaba, izityalo, izityalo ezibolileyo nkqu ne khlorin (ipuli zokudada) zinomtsalane kakhulu kwiinyosi ngaphezu kwamanzi ‘acocekileyo’. Lamanzi akwaqulathe ivithamini kunye ne micronutrients ezingaphuhlisa nokondleka kwenyosi zobusi.

Translated by Zizipho Silwana