Amakhalane Ezinkukhwini

© Chris Daly
Nangona iinkukhu zinceda ukujonga iindidi zamakhalane kwenye imfuyo enje nge nkomo, kunye nase ndlini kodwa ke asemngciphekweni kwintlobo ezimbini ezaziwa ngokuba yi tampan okanye fowl ticks. Ezi zififingi gazi ziye zingaqapheleki xaku hlolwa iinkukhu amantshontsho azo makhulu kancinci kwi ncukuthu kwaye aluma ngobusuku xa iintaka ziphumlile. Amakhalane entaka engenza iingxaki xa athe akanyangwa, ingakumbi xa iintaka ziveliswa zininzi, kwaye kwindawo evalelekileyo.

Zibukeka Njani?

i-Fowl ticks zimbaca, zime okwebhola yomboxo kwaye zithambile, azifani namakhalane aqinileyo ahlasela izinja nee kati. Nje ngamangolwane anemilenze esibhozo.ngaphandle kwemanqanaba okuqala obuncinci apho zisithandathu iinyawo. Ubude bazo ke buyashiyana ukusuka ku 3mm ukuyoma ku 15mm. Kuye kuxhomekeke kuhlobo nokokuba agqibo kufunxa igazi na.
Anga phila ke kwisityalo ngethemba lokubambisa, kodwa inkoliso ihlala kwindawo ezithe qelele ezinamathanda kunye neendlwane. Amakhalane asemancinci angaphila inyanga ezimbini nangakumbi. Iinymphs unyaka, amadala ukuyoma kwiminyaka emithathu ngaphandle kokutya igazi.

Iindlela Zokubona Usuleleko

Amakhalane ke awenzi isifo segazi eliphantsi esaziwa ngokuba yi anemia kuphela ezintakeni, kodwa zingahambisa nezinye izifo ezinobungozi ezi fana ne tick paralysis, eyenziwa kukugxobheka kwamathe, iBorreli anserine, Borrelia spirochetes, Borreliosis, Spirochaetosis, Pastuerella kunye ne West Nile virus.
Impawu ke ezidityaniswa namakhalane ziquka ukungakwazi ukuhamba, ukuba buthathaka, ukuphulukana nesiqu, ukungakhuli, iintsiba ezidlaka dlaka, isikhumba esinemibala, ukungacaceli ukutya nkqu nesifo sorhudo. Intaka ke siye zingakwazi ukuhlala ndawoninye, zibanokudikwa, zingonwabi ebusuku. Iintaka eziludidi lwe free range ziye zinga funi ukuya ehokweni.
Xa zihlolwa intaka, khangela amabala amancinci abomvu apho iintaka zithe zalunywa khona. Amakhalane afumaneka apha entanyeni nase ntloko, isisila neendawo ezinamasiba amancinci emzimbeni nasezinyaweni. Khumbula ke, oku kuba amakhalane awaphili ezintakeni kuphela kwaye zitye ebusuku. Ukuhlolwa kufanele kwenziwe ebusuku phantsi kokhanyiso oluthe tharha. Ehokweni kungakho amabala abomvu, apha Kanye ngaku mathanda oko ke kungabonisa ubukho bama khalane.

Translated by Zikhona Plaatjie