Amagama Asetyenziswa kwi Mfuyo Yebhokhwe

© Valley Vet supply
A Gambrel restrainer is used to control goats. It slips over the head and locks the front legs in place.
A
Abomasum: Esesine okanye amathumbu kwisisu sesilwanyane esizitho zine esine ncindi engamanzi okanye oko kuzisa imbonakalo yekhemikhali (enzyme) eyenza ukuqhekeko lwekhemikhali emzimbeni.
Arbortifacients: Isiyobisi nokuba yintoni esetyenziswayo ukukhupha isisu. Ezinye zingabonakala zinobungozi maxa wambi ityhefu esuka kwizityalo, imithi njalo-njalo.
Abortion: Ukukhupha isisu (usana esiswini) ngulowo ubhinqileyo okhulelweyo engekafikeleli esiphelweni sokumitha okanye lingekafiki ixesha lokuzala.
Acidosis: Imeko apho amathumbu esilwanyana agcwala yi asidi. Ngesiqhelo oku kwenziwa kukutya ingqolowa kakhulu.
ADF: Acid Detergent Fiber. Imbonakaliso yoku kwazi ukwetyisa iintlobo zengca.
Aflatoxin: ubumdaka obenziwa yi fungi Aspergillus flavus kunye ne Aspergillus parasiticus.
Afterbirth: Isaka elidibanisa usana olungeka zalwa kwisikhumba sobhinqileyo omithiyo, sliye elisaka likhutshwe kwi yure ezintathu ukuya kwezintandathu emveni kokuzala.
AI: Artificial Insemination. Indlela yokumithisa umfazi wesilwanyane ngaphandle kokudibana ngesondo.
Ante-morten: Phambi kokufa
Anthelmintic: Umgubo ogxotha iinkumbi ngaphakathi – ezifana neentshulube.
Antibiotic: Intwanantwana zekhemikhali ezisuka kumajoni omzimba aphilayo, ezithintela ukukhula okanye ziyibulale iintsholongwane.
Artificial Rearing: Ukukhulisa ithole ngobisi okanye oko kuthatha indawo yobisi.
Atrophy: Ukulahlekelwa okanye ukwehla kumlinganiselo wamajoni, amalungu okanye umzimba wonke; ngenxa yokunga setyenziswa; izifo; okanye ukungondleki.
B
Banding: Oku kuquka ukusetyenziswa wezixhobo zokususa amatapile kwisilwanyana.
Billy: Ibhokhwe eyindoda, eligama lisetyenziswa kakhulu ukucacisa ngebhokhwe endala, eyindoda – engatyumzwanga isizalo.
Body Condition Score: Umlinganiselo ukusuka ku 1 ukuya ku 5 (ukubhitya-ukutyeba) okusetyenziswa ukuqikelela imeko yesilwanyane.
Bolus: Ipilisi enkulu ebubume bebhola yombhoxo esetyenziswa njenge antibiotic.
Bots: Isinambuzane esincinci esihamba ezimpumlweni.
Breeding season: Ixesha apho imazi yebhokhwe ibonakalisa ukulungela ukumitha.
Brood Doe: Imazi yebhokhwe egcinwe ngenjongo yokuqhubeka nesizalo esithandiweyo nokunikeza impawu zofuzo kwinzala.
Browse: Isityalo esibume bubanzi, amahlala okanye imisebe.
Browsing: Iibhokhwe ezihamba-hambayo, logama zisitya ingca zibuka nendlela.
Brucellosis: Usuleleko lwentsholongwane yeqela le Brucella, oluvame ukukhupha izisu kwizilwanyane ezimithiyo okanye yenze umkhuhlane kuluntu. Ikwabizwa ngokuba yi Undulant fever, Malta fever, okanye iMediterranean fever.
Buck: Inkunzi yebhokhwe.
Buckling: Itakane eliyi nkunzi yebhokhwe
Burdizzo: Isixhobo esisetyenziswa ukutyumza amatapile kwi mazi yebhokhwe ngokuqinisa intambo kodwa kungaqhawulwa isikhumba esinamatanyula.
Butting: Indlela yokulwa yeebhokhwe (Ingakumbi iinkunzi) ngokudibanisa iintloko neempondo.
C
CAE: Caprine Arthritic Encephalitis, intsholongwane yebhokhwe efana ne AIDS efumaneka ebantwini.
Calcium to Phosphorus Ratio: Umlinganiselo we calcium ne phosphorus kumlinganiselo uphela. Kucetyiswa okokuba ibengu 2:1
Chevon: Inyama yebhokhwe
CC: Cubic Centimetre, efana ne ml. 3cc=3ml ziyafana kwinaliti
Chlamydia: Intsholongwane encinci eyoyanyaniswa ne nyumoniya, ukukhupha isisu, ukurhuda, ingxaki yamehlo, isifo samaqhambo, nosuleleko lwengqondo.
CL: Caseous Lymphadenitis, isifo sesikhumba kwibhokhwe esosulela kakhulu.
Cloning: Imveliso yofuzo okanye uhlobo olunye lofuzo olufana molweso silwanyana sinikeze ngenzala.
Clostridial Organism: Anaerobic: Intsholongwane evelisa ezinye phantsi kwemeko ezithile.
Cocci: i-Oxycyt etshabalalisa ithumbu elincinci, oku kwenza isifo sorhudo nokufa; (ikwaziwa ngokuba yi coccidiosis).
Coccidiosis: i-Oxycyt etshabalalisa ithumbu elincinci, oku kwenza isifo sorhudo nokufa; (ikwaziwa ngokuba yi cocci).
Colostrum: Ubisi lokuqala eligcwele zizinongo oluselwa ngamathole, elinikeza ubomi.
Corpus luteum: Idlala elibakwi ovari ngokuthi amaqanda aphinde azilungise emveni kokulungela ukumitha. Ikwaziwa njenge ngxenye yelidlala lehagu okanye inkomo, eyona nto ingamandla yi progesterone okanye umdla wocantsi. Isininzi =corpora lutea.
Corticosteroids: Nokuba loluphi udidi lweziyobisi, ezifana ne aldosterone, hydrocortisone, okanye cortisone, eyenzeka ngendalo ngenxa ye adrenal cortex okanye umophu. Ikwabizwa ngokuba yi corticoid.
Creep: Umgqobho apho izilwanyane ezisencinci ezingangena kuwo, kodwa ezindala izilwanyana azikwazi. Izitya zokutya okanye indawo zovalelo, nokuba zezokuzalela ezifikeleka kwizilwanyane ezincinci kuphela zibizwa ngokuba zi creep feeders.
Critical Temperature: Ubushushu obuphezulu okanye ezantsi obunyamezelwa zizilwanyane kwindawo yezilwanyane phambi kokuba kongezwe ukutya okunikeza Amandla ukuze kugcine ubushushu obufunekayo emzimbeni.
Crossbred: Isizukulwana ezenziwa yi nkunzi ne mazi ezisuka kwizizukulwana ezingafaniyo.
Crossbreeding: Icebo/indlela yokuzalisa izilwanyana equka iintlobo ezimbini okanye ngaphezulu.
Cryptosporidiosis: intsholongwane ephinda phindanayo kwi thumbu elincinci.
Culling: Indlela yokubulala izilwanyana ezingaphantsi kwimfanelo zemveliso, ezingaphilanga okanye ezingafunwayo.
Culls: IIbhokhwe ezingaphantsi komgangatho ofunekayo.
Custom Feeding: Indlela yokukhathalelwa kwemfuyo, ityiswe ngomnye umfama igcinwe kwenye indawo, ze umnikazi abhatale.
Cut: Ukutyumza
Cysticercosis: Imeko apho intshulube ithe yazifaka esikhumbeni sesilwanyana.
D
Dehydrate: Ukulahlekelwa ngamanzi omzimba ngomkhuhlane, yintsholongwane okanye ubushushu.
Disbudding: Ukususa amaphondo ebhokhweni
Doe: Imazi yebhokhwe
Doeling: Ithole eliyimzi yebhokhwe
Drenching: Ukunikeza amayeza emlonyeni
Drylot: Indawo evalelekileyo yokugcina umhlambi ixesha elide endlwini okanye ngaphandle.
Dry Matter (DM): Ukutya okungengawo amanzi.
E
Elastrator: Isixhobo esisetyenziswa ukufaka intambo enkulu ye rabha (elastrator rings/band) ebophelelwa emsileni, nakumazantsi amatapile xa enqunyulwa okanye ethenwa/tyumzwa isizalo. Amanye amafama asebenzisa oluhlobo uku ukususa iimpondo.
Embryo Transfer: Aamaqanda asandula ukuchunyiswa kwi mazi, asiwakwisibeleko semazi ezakumitha, ngokuthi kuvezwe isibeleko sayo.
Emaciation: Ukuphela ngokwenyama
Encephalitis: Usuleleko olunokudumba lwengqondo olwenziwa zimpawu ezinobuzaza zomkhuhlane, ukungalingani, okanye ukuxhuzula.
Enteritis: Usuleleko olunokudumba lwamathumbu
Enterotoxemia: Igama nje elichaza ‘ukutya ngapha komlinganiselo’ nobumdaka kwibhokhwe ezise mpilweni obuthi bande ngokwenza isisu esibuhlungu nokufa.
Enterotoxemia Type C: Isifo esichaphazela iibhokhwe kwiveki ezimbini zobomi eyenza useleleko lwegazi kwithunjana, nokufa okukhawulezileyo.
Enterotoxemia Type C and D Toxoid: Ugonyo olwenziwa kwi bhokhwe ezise ncinci ukomelelisa umzimba ukuze ulwe ne Enterotoxemia type C and D. ikhona nedityaniswe nogonyo lwe tetanus vaccination.
Enterotoxemia Type D: Isifo esihlasela iibhokhwe ezinga gonyanga kwaye ezifakwe kuhlobo lokutya olunikeza amandla.
Entropin: Indlela yakwantu apho imisebe yamehlo ngezantsi ifakwa ngenye indlela, yenza amashiya ngezantsi angqubane namehlo.
Estrogen: ikhemikhali yomzimba eyenza ukwehla kwe corpus luteum kwaye ivuselela estrus (ukulungela ukudibana ne nkunzi).
F
Fecundity: Ukubalasela kwesilwanyana ekuveliseni izilwanyana ezincinci. Estrous Cycle: Ixesha lokuqala ukudibana nendoda, ukuya kokulandelayo. Ngesiqhelo iintsuku ezilishumi eline sithandathu ukuya kwishumi elinesixhenxe.
Estrus: Ixesha apho imazi idibana ne nkunzi. Ngesiqhelo iyure ezingama 24 ukuya kuma 36, ikwazi nje ‘ngobushushu’.
External Parasite: Iincukuthu ezifumaneka kwiinwele, isikhumba, kwimpumlo, nemigqobho yendlebe. Izilwanyana ezizisa ezincinci rhoqo, maxa onke, kwaye zivelisa ngaba kwetakane elinye ekuzaleni zaziwa ngokuba zi chumile.
Fertility: Ukukwazi ukuzala.
Fetus: Itakane elingekazalwa kodwa sele lisekugqieleni kwiqondo lokukhula esiswini.
Flehmen response: Iisimilo apho ibhokhwe inyusa inyheke yangasentla iveze amazinyo angaphambili, iphefumle ngempumlo zivalekile, yenze oku amatyeli amanzi.
Flight Zone: Elona qondo liphezulu lokuhlala kakuhle okanye yokhuselo lwezilwanyane.
Flushing: Indlela yolawulo yophuhliso lokutya lwe mazi ngokutya, phambi kwexesha lokudibana ne nkunzi ukunyusa amathuba okumitha.
Foot Bath: Umxube we khemikhali namanzi, ezima kuwo iibhokhwe, osetyenziselwa uthintelo kwaye/okanye unyango lwenyawo ezibolileyo okanye ukubola kwempuphu.
Forage: iFibre, ekukutya okufana nengca enesondlo ‘silage’, okanye imizi nase madlelweni.
Forcing Pen: Ipeni esetyenziswa ukuvalela izilwanyana phambi kokuzihambisa kwindawo zonyango.
Freshen: Ukufika ebisini.
G
Galatopoiesis: Ukuvuselela ukuphuma kobisi
Gambrel Restrainer: Isixhobo sokubamba esibume esingu nxanthathu se plastiki esibekwa phezulu kwentamo yesilwanyane, namacala amabini ukuze kubanjwe imilenze yomibini yesilwanyane.
Gastroenteritis: Usuleleko olunoku dumba lwesisu namathumbu.
Gestation: Ixesha lokumitha ukuqala ngexesha lokuchukunyiswa kweqanda ukuphela ngexesha lozala, ngeziqhelo iintsuku ezingama 142 ukuya kuma 152.
Grafting: Ufaka intshontsho kwi mazi engenguye unina.
Group Fed: Iindlela yokutyisa izilwanyane, apho zithi zonke ziliqela zityiswe xeshanye.
Guard Dog: Inja ehlala neebhkhwe, kodwa ingazonzakalisi kwaye iyazigragamela izigxothe iintshaba zebhokhwe.
H
HACCP: Hazard Analysis Critical Control Point, Indlela udume kumazwe onke kwaye ecetyiswayo ekuqinisekiseni ukhuseleko lokutya elindela ikhusele iingozi ezidibene kwizinongo.
Heat: Ukubona umva wesilwanyane.
Helminths: Iintshulube ezifunxayo/ezincukuvayo.
Herd: Umhlambi ligama elisetyenziswayo xa kubhekiswa kwiqela elincinci okanye elikhulu leebhokhwe.Iibhokhwe zizilwanyana ezithanda ukuhamba zingu ‘mhlambi’ oku kuthetha okokuba ziphila ngcono xa zidityaniswe nezinye. Ngokuqathanisa, phantse zonke iintlobo zezilwanyana zinikezwa igama leqela lazo, mhlawumbi kuthwe ngu ‘mhlambi’ wee geese, okanye, ‘Ukuzingca’ kwengonyama okanye ‘iqela’ lezinja.
Hypocalcemia: Amazinga aphantsi we calcium egazini.
Hypomagnesemia: Amazinga aphantsi we magnesium egazini
Hypothermia: Ukungakwazi ukuba shushu okwenziwa sisimo sezulu esibandayo okanye esimanzi.
I
IM: Intramuscularly: ukutofa umsipha
Immunity: Ukungachaphazeleki/ukungasuleleki yintsholongwane ethile.
Intermediate Host: Isilwanyane okanye enye epilayo apho incukuthu ihlala ixesha elide kodwa ingenzi monakalo.
Internal Parasite: Incukuthu esesiswini, imiphunga, namathumbu ebhokhwe.
International Unit (UI): Indlela yomlinganiselo yezakhamzimba kunye neziyobisi.
Iodine: Isibulali ntsholongwane esisetyenziswa kumathole ebhokhwe esinceda ukomisa umbhono, uvale nendlela engena emzimbeni webhokhwe. Iyaqatywa nakwi mpuphu zamatakane ngamanye amafama. Iodine yezilwanyane inomlinganiselo we 7% logama -Iodine yabantu inomlinganiselo we 2% wayo.
J
Jacobson’s Organ: Ikwaziwa njenge vomeronasal organ (okanye ingxenye yempumlo) esetyenziswa kakhulu ukuqaphela ipheromones, izithunywa zeekhemikhali ezizisa ulwazi phakathi kwezilwanyane ezifanayo yiyo lonto maxa wambi isaziwa njenge ‘sixth sense’.
Johnes: Isifo sezilwanyane ezizitho zine, ezosulela ngelindle lazo.
K
Keds: Amakhalane ancukuva igazi, agqobhoze isikhuma ze senze umonakalo omkhulu kwisikhumba.
Ketones: Okufumaneka egazini lebhokhwe ezimithiyo ezisokoliswa lusuleleko lwegazi (toxaemia)
Known Carrier: Isilwanyane esivelise isizukulwana esikhubazekileyo ngokofuzo.
Kid(s): Abantwana bebhokhwe nokuba sesiphi isini.
Kidding: Ukuba nabantwana.
L
Lactation: Ixesha apho imazi ivelisa ubisi. Ngesiqhelo ekusukeleni ekuzalweni kwetakane de lilanyulwe.
Lactated Ringers Solution: Isetyenziswa ukufaka amanzi kwibhokhwe engena manzi emzimbeni (yaziwa njenge LRS).
Legumes: Usapho lwezityalo oluzimbotyi. I-Alfafa hay luhlobo lwembotyi.
Lleucocyte (leukocyte) Ngesiqhelo ibhekisa kumajoni omzimba amhlophe.
Liver Flukes: Isityalo esimile okwegqabi elizigobayo njengomqulu wenyongo okanye isibindi.
Loading Chute: Isixhobo esisetyenziswa ukufaka izilwanyana kwisithuthu okanye isikhoji.
Lochia: Ukuphuma kwegazi elimnyama kwi mazi eliphuma iiveki emveni kokuzala.
LRS: Isetyenziswa ukufaka amanzi kwibhokhwe ephelelwe ngamanzi emzimbeni (Yaziwa ngokuba yi Lactacted Ringers Solution okanye Ringer Lactate).
Lungworms: Intshulube ezingqukuva ezifumaneka ezifubeni nakwi miphunga.
M
Mange Mites: Amangolwane agcwalisa, onakalise isikhumba neenwele.
Manure: Ilindle, nanny berries, ilindle nokuphuma kwalo.
Mastitis: Usuleleko lwamabele adumbileyo elenziwa lusuleleko lwentsholongwane, ze imveliso yobisi yehle.
Metritis: Usuleleko lokudumbisa isibeleko.
Milk fever: Ukwehla kwe calcium encedana nokuhamba kwemithambo emzimbeni, ze xa ingekho yenze ukolama okupheleleyo umzimba wonke okanye ingxenye yomziba okwenzeka xa ibhokhwe ibeleka okanye igqiba kubeleka izama ukuncancisa.
Milk Replacer: Ubisi olungelilo olwenyaniso olunikwezwa endaweni yobisi kwibhokhwe ezincinci.
Mineral: Okungasulungekanga okufumaneka ngesiqhelo kuwo wonke amajoni omzimba, intwana zomzimba namanzi.
Mitigation: Ukwenza nzima; ukusebenzisa iibhokhwe ukunqanda ukhula okanye imihlangano yaziwa ngokuba yi mitigation.
Ml: Millilliter, ifana ne cc; 3cc ne 3ml zizinto ezifanayo kwi naliti. 1000ml= 1 litre
Monogastric: Isilwanyane esine ndawo enye esiswini. Iibhokhwe azikho sizu zinye.
Mycotoxin: ikhompawundi ezenziwe yi fungi.
N
Nanny: Umama oyi bhokhwe
Natural Immunity: Unyamezelo lwezifo ngokofuzo, kwaye lohluka ngokwentlobo, Amandla osuleleko kwintlobo nakwi bhokhwe nganye.
Necropsy: Ukuhlola isilwanyane esifileyo ukuqonda isizathu sokufa.
Nematode: Zikwaziwa ngokuba zi Roundworms, nematodes, zaziwa njenge nkumbi ezifumaneka kwizilwanyane ezininzi nezityalo okanye nje ziziphilela emhlabeni, emanzini asematsha, elwandle, kwi vinegar nakumqombothi odidiyeliweyo.
Nitrate Poisoning: Imeko apho ukngcola kwe nitrate kufumaneka kwizityalo.
Nose Bolts: Isinambuzane esincinci esingena ezimpulweni.
O
Oesophagal Feeder: Umbhobho ofakwa ezantsi kumboho wophefumla (oesophagus) yebhokhwe ukunikeza ubisi okanye nokuba yintoni engamanzi.
Omasum: Indawo yesithathu kwisilwanyana esizitho zine, isisu siphakathi kwe reticulum ne abomasum.
Oocyst: Ixesha kubomi be coccidia (protozoal parasite) ekhupha umgquba. Iibhokhwe zosuleleka ngokutya ioocyst kumadlelo asulelekileyo.
Orifice: Umngxuma ekupheleni kwe titi.
Ovary: Ingxenye yelungu lwe mazi lokuvelisa inzala
Over The Counter Drugs (OCT): Iziyobisi ezingathengwa ngqo kumvelisi ezingading iphepha lika gqirha wezilwanyane.
P
Palatability Taste: Oku kubekisa kumdla ibhokhwe ekhetha ngawo ukutya kwezinye iintlobo zokutya.
Parasite: Isimfimfingi esihlala ngaphandle kwesilwanyana
Parous: Imazi ezizale zincinci.
Parturient Paresis: Ukwehla kwezinga le plasma calcium eliphazamisa ukuhamba kwemithambo, lwenze ukolama kancinci okanye umzimba wonke okwenzeka xa isilwanyana sizala okanye sincancisa.
Parturition: Ukuzisa ithole emhlabeni, ukuzala.
Pinkeye: Isifo esosulelayo kakhulu esichaphazela amahlo webhokhwe (iyosulela nasebantwini).
Placenta: Isaka elikhulu elikhutshwa yi mazi xa igqiba kuzala.
Post Mortem: Emveni kokufa.
Postpartum: Emveni koku zala.
Prepartum: Phambi kokuzala.
Pregnancy Toxemia: Isifo semazi ekhulelweyo esenziwa kukungafumani izakha mzimba noku ngabinamandla kwinqanaba lokugqibela lokumitha.
Probiotic: okuphilayo okuthi kusetyenziswe ukudidiyeleka esiswini.
Progeny: Inzala
Prolificacy (fecundity): inani lenzala eliveliswe yi mazi yebhokhwe.
Protein: Isinongo se nitrogen, esine amino acids, ezifumaneka kuzo zonke izilwanyana.
Protein Supplement: Ukutya okuna mazinga eprotein aphezulu. Okunikezwa kwizilwanyane ukongeza kuhlobo lokutya ezikutyayo.
R
Ration: Umxube wokutya okunikezwa izilwanyane kwi xesha elizi yure ezingama 24.
Rehydrate: Ukongezwa kwamazni emzimbeni, alahlekileyo ngenxa yomkhuhlane, izigulo, ubushushu njalo njalo.
Rennet: Ithatha kwisisu sesine, le enzyme isetyenziswa ukujiyisa ubisi.
Reticulo-Rumen: Indawo enamathumbu ane reticulum kwaye isisu yeyona ndawo yokwetyisa ukutya.
Reticulum: Indawo yesibini kwisisu sesilwanyana, kwaye sikwaziwa njenge sisu sesibini. Umphezulu ukhangeleke njenge ntlaka ukunyusa amathuba okukwazi ukufunxa.
Rigor Mortis: Ukudibana kwemisipha okudityaniswa nokufa.
Roughage: Ukutya okungu mgrayo, okuphezulu nge gqolowa okanye fibre efana ne hay, straw ne silage.
Rumen: Indawo yokuqala enkulu yesisu sesilwanyana esizitho zine esine microbial ekwaziyo ukuqhekeza iforage ne roughage.
Rumen-Reticulum: Ethandwa ziintsholongwane. Uhlobo lwezilwanyane ezizitho zine ezingu A, ezitya zikubuyisela emlonyeni nase siswini ukutya, kwaye zinendawo ezine esiswini.
Rumination: Indlela yokucola ukutya okuzakutyiwa.
S
Scours: Ukuhambisa okudityaniswa nokusela ubisi olungelilo.
Shipping Fever: Isifo sesifuba esidityaniswa nokuhanjiswa ngesithuthi.
Silage: Ingca ehlaza eguqulwe yakukutya okomileyo ama 30%-40% kwe bhokhwe ngokuthi kugcinwe ngaphandle komoya (zodwa okanye kwi sikhafutina esivalwe mba).
Sire: Utata
Soremouth: Usuleleko olusulelayo kakhulu(nakuluntu), usuleleko olusasazekileyo olwenza izilonda empumlweni, emlonyeni, emehlweni, kwaye zingosulela izitya zokutya kwe mazi etyayo.
SubQ Subcutaneous: Ngaphantsi kwesikhumba, (maxa wambi ibhalwa njengo SQ okanye sq)
Sychronization: Indlela yokuphatha eyenza iibhokhwe zibaleke ngaxesha nye.
Systemic Disease: Isifo esingachaphazeli indawo enye yomzimba; ngesiqhelo umzimba wonke okanye amalungu amaninzi.
T
Total Digestible Nutrients (TDN): Indlela ethile yokubonisa ukutya okunikeza Amandla.
Trance Minerals (TM): Iminerali ezifuneka kumlinganiselo omncinci.
U
Urinary Calculi: Izifo kwinkunzi zamatakane, esibonakala ngokuphuma amatye kwindawo yomchamo. Yenziwa kakhulu kukunga fumani icalcium ne phosphorus emzimbeni.
Uterus: Indawo yemveliso yemazi yebhokhwe apho kwenzeka khona umntwana (esibelekweni).
V
Vaccination: Ugonyo olunikezwa izilwanyane ukuncedisana lempilo ende, nokulwa nezifo ezithile.
Vaginal Prolapse: isigaqala ku nodese we mazi yebhokhwe xasele izakuzala
Vitamins: ikhompawundi ezincinci ezincedisana nokunikeza izakhamzimba ezifumaneka ekutyeni. Xa ingafumaneki yenza izifo nezigulo.
Vomeronasal Organ: Ikwaziwa njenge Jacobson’s Organ, isetyenziswa kakhulu ukufumana ipheromones, izithunywa zeekhemikhali ezihambisa ulwazi kwizilwanyana eziluhlobo olunye yiyo ke lonto maxa wambi isaziwa njenge ‘sixthe sense’.
W
Wether: Isilwanyana ezitheniweyo/tyumzwe amatanyula.
White Muscle Disease: Isifo esenziwa kukungabikho kwe selenium, Vitamin E, okanye zombini, kwaye zenza ukuphela kwamathambo okanye imisipha yentliziyo ezibhokhweni.
Withdrawal Period: (okanye ixesha) Ixesha apho isiyobisi kufuneka zinganikezwa, phambi kwe ntengiso ukuqinisekisa akukho ntsalela zeziyobisi kwinyama okanye ubisi.
Y
Yearling: Ibhokhwe ebubudala bonyaka.
Z
Zoonosis: Izifo zezilwanyana, ezinokuthi zosulele uluntu.
Zygote: Imveliso yokuchumisa, umzekelo amajoni omzimba enzeke ngokudibana kwe oocyte ne spermatozoan.

Translated by Zikhona Plaatjie