Amachibi Wendawo iSimangaliso Wetland

Indawo Yemimangaliso

©Roger de la Harpe
Indawo eyayisaziwa njenge paki yaKwaZulu Natal i-St Lucia Wetland, ngokusemthethweni itshintshwe igama yabizwa iSimangaliso, ‘indawo yemimangaliso’, elo ligama elibizwa ngayo ekuhlaleni – kwaye ikwalilo igama elifanelekileyo. Kule paki ufumana ulwandle, umnxweme, ichibi, ihlathi kunye namathafa aphinde adibane nobomi basendle. Kuphinde kube khona ookrebe, ooxam, ukhozi kunye nobhejane. Kwaye e-Simangaliso kukho ichibi elibizwa i-St Lucia, elona chibi likhulu eMzantsi Afrika elingenisa amanzi, liphinde libe lelona chibi eline mijelo yamanzi asemazantsi kwi Afrika yonke.

Ichibi i-Sibaya

©Roger de la Harpe
Nangona ipopanisa ingqondo nje, uthiyo ngabutsha lwamagama eendawo luxhaphakile eMzantsi Afrika, kwaye amagama wengcinezelo wona aziwa kakhulu ngaphezu kwamagama amatsha, futhi kuphinde kubekhona umba wamagama atshintshwa-ntshitshwa ngalo lonke ixesha xa kukhutshwa imephu entsha (umzekelo Umfolozi/ uMfolozi/ Mfolozi / Mfolosi/ lmfolosi). Lonto kungenzeka ukuba igama elibizwa ngayo ngoku okanye igama ‘elilungileyo’ lelona chibi elikhulu eMzantsi Afrika yi-Sibayi hayi i-Sibaya.
Nanini na, ichibi laKwaZulu ligcwele intlanzi, imvubu kunye nooxam. Xa kuphuma ilanga, ukhozi lwentaka lubhabha ngaphezu kwamanzi ukuze lufukame kwimithi esehlathini, futhi imvubu zona zimane zingqubana kwaye zizamla, umboniso othile onemibala emnyama nebomvu krwe usuka kwixesha le Pleistocene, ngexesha lendeb’endala, phambi kokuba sibene khomputha kunye nethoyi zakudlala i 4x4.

Ichibi i-Ku-Hlange

©Roger de la Harpe
Nanje ngokuba isaziwa ngegama i-Kosi, ichibi i Ku-Hlange ikwayinxalenye yamalwandle adume kakhulu ngemigibe yamakhuni yokubamba intlanzi, esetyenziswa ngabantu bendawo amaTsonga. Ezizakhiwo ziphucukile, zithubelezisa intlanzi kwizibaya ezisemanzini, izifake kwimigibe emikhulu eyakhiwe ngokungathi ngumnqwazi wegqwirha. Lemigibe isebenzisana kakhulu nendalo, kuba ivumela intlazi ezincinci kunye nezinye iziinto eziphila emanzini zikwazi ukuthubeleza, kwaye zenziwe ngemithi yalapha zibotshwe ngamagqabi achutyiweyo womthi i-rafia palms ekhula kwakulondawo.
Ulwazi ngokwakhiwa kwalemigibe lugqithiswa ukusuka kutata ukuya kunyana, kwaye lonto yenzeke iminyaka engange 700 nangaphaya, apho abantu bamaNguni bephila ngobubutyebi bamanzi. Ichibi eli likuyona ndawo isemantla we-Paki i-Simangaliso Wetland kwaye ulwandle apho likhuphela khona lungange khilomitha eziyi 3 emazantsi omda wase Mozambique.

Translated by Aviwe Damane