Amacebo Endawo Zokuhlala Iihagu

©Glenneis Kriel
In modern facilities, young pigs are on plastic flooring to keep them warm.
Indawo ehlala iihagu kufanele ihambelane nendidi zehagu ofuna ukuzifuya. Iihagu zohlobo lwe unimproved ziyakwazi ukumelana nemeko ezimaxongo ukodlula uhlobo lwe improved. Ngoko ke usenokuzenzela iindlwana ezingaxabisi kakhulu.
Zingakhula kakuhle kwiindawo ezibiyelwe ngocingo okanye ngamadonga anesagqumathelo, okanye iindawo ezithe gabalala ezinophahla namadonga. Kodwa ke uhlobo olu improved lungaqhuba ngcono xa luphantsi kwe intensive production systems kwane ndawo ekhuselekileyo. Iindawo ezihlala kuyo ingabuvaleka okanye ivaleke yonke.

Izinto Ezifanele Ukujongwa

©Glenneis Kriel
A fenced camp with shelter.
Nangona kungabanzima xa usene hagu ezimbalwa, kodwa ungonga imali xa unokwakha indawo zokuhlala iihagu ekunokuba lula ukuzandisa. Kwaye ungonga imali nangakumbi xa uzakhela ngokwakho, usebenzise nemathiriyeli esele isetyenzisiwe. Ukhumbele ke kodwa ukuba le mathiriyeli ayizukuhlala ixesha elide kanje ngaleyo intsha kraca, kwaye ungaphetha uchitha imali eninzi ekuhambeni kwethuba kuba kufuneka uqale phantse.
Le ndawo yokuhlalisa iihagu kufuneka yenziwe ilungele imveliso kangangoko. Imfuyo kufuneka ibentofo-ntofo, kubelula ukulawula/kukhathalela imfuyo kunye nokuyicoca. Usenokungawugqumi nganto umhlaba ukuba ufuye uhlobe lwe unimproved. Kufuneka ke kodwa kuhlale kukho indawo eyomileyo necocekileyo ukuze iihagu zikwazi ukulala. Icebo elingcono kukufaka isamente phantsi, neyeyona kulula ukuyicoca. Le samente kufuneka ilungiswe rhoqo ukuthintela ukulimala kwemfuyo.
Kwizindlu ezithande ukuphucuka zeehagu, kuvamiswe ukwenziwa umphantsi owenziwe nge plastiki ukugcina amantshontsho eehagu efudumele, ze kufakwe isamente kwiindawo enehagu esele zikhulile. Umphantsi kufuneka uthande ukuba mqengqelezi kangange 1% ukusuka emva ukuya ngaphambili. Kwaye kufuneka wenziwe ngendlela ezakwenza kubelula ukuwucoca namanzi afunxeke msinya.

©Glenneis Kriel
Walls should be high enough to prevent pigs from jumping over it.
Amadonga angenziwa phantse ngayo nantoni na enokukwazi ukugcina iihagu zikhuselekile ngaphakathi, efana namaplanga, izitena zesamente okanye amazinki. Kungangcono ngakumbi ukuba kwakhiwe amadonga akhiwe ngezitena aze asanyentwa okanye afakwe ikonkrethi, ngokomkhomba ndlela wemveliso wombutho we South African Pork Producers Organisation (SAPPO), iPigs for Profit.
Iindawo ezihlala iihagu kufuneka zibezi mitha ezi 1.2 ukuphakama, ungazinyusa ngaphezu koku ukuba unehagu ekwaziyo ukutsiba. Amadonga kufanele abemtyibilizi ngaphakathi, kungabikho kwanto ibukhali inokulimaza iihagu.
Kuvamise ukusetyenziswa amazinki ukwenza uphahla, kodwa angenza kutshise kakhulu ehlotyeni. Umkhomba ndlela we SAPPO ucebisa ukuba amafama apeyinte amazinki ngombala omhlophe okanye agqunywe ngamahlahla ukunciphisa amaqondo obushushu ngaphakathi endlini. Uphahla olwenziwe ngengca lolona lungcono ekugcineni indlu ipholile ehlotyeni ze ifudumale ebusika.
Uphahla kufuneka lwenziwe lubephezu kodonga. Lungabekwa phezu kweepali okanye kwemintsika zentsimbi, oku kunceda kungene kakuhle ukukhanya, umoya kwaye nemfuyo izula zule ngokukhululekileyo.
Kwizindlu ezithande ukuba nomgangatho ophucukileyo kufakwa i-insulation. Oku kuthintela ukutsha kwemfuyo,kuze kunciphise nenkcitho yombane. Le insulation igcina ubushushu ngaphakathi ebusika ize yenze kuphole xa kusehlotyeni. Kungasetyenziwa imathiriyeli eyahlukeneyo ukwenza i-insulation, ipolystyrene yeyona isetyenziswa kakhulu.
Ngokwe ncwadi ka Dannie Visser, ethi Modern Pig Production, imathiriyeli elungileyo iye i:
Ngafunxi ubumanzi,
Ayitshi,
Ayinabungozi kwindalo,
Yomelele,
Ihlala ixesha elide,
Ayonakaliswa lula zizilwanyana okanye yimisebenzi yemihla ngemihla eyenziwa endlini ehlala iihagu.
Ayonakaliswa lula zizinambuzane, ooqongqothwane,ii-microbes, iimpuku kunye neentaka.