Amabali oMakhulu - Amava nge Ngcinezelo

uTenjiwe Tutu ubalisa nagamava wakhe njengo mncedisi kwixesha le ngcinezelo, ukubaleka amapolisa noku bhungca ijele.

Imeko Zomsebenzi

©Eric Miller

Ndandi sebenzela usisi othile ePlumstead, ekuhambeni kwe xesha ndasebenzela intombi yakhe, uMrs Truter, eKloof Street eKapa. uMrs Truter wandixelela oko kuba xa kukho umntu onqonqozayo emnyango, kufanele ndijonge kwindawo encinci esemnyango yoku kroba, kwaye okokuba lipolisa, ndinga phenduli.

Mhlawumbi abamelwane baxelele amapolisa okokuba kukho intombazana elapha engenalo ipasi, kuba kwakusele kukudala bemane bezonqonqoza. Kodwa zange ndiwuvule umnyango. Zange bandifumane, kuba ndandinala ntunja ye glasi yoku kroba emnyango. Xandijonga phandle ndibone imoto enkulu ndandihlala ndicinga okokuba ngubani kwaye undijongile na.

ukuba ndandikwazi ukuyishiya indlu ngendandi phume amatyeli amaninzi ndenze nabahlobo. Kodwa ndandiphelele ngaphakathi, ndinesi zungu, ndandingo nwabanga. Kodwa kwaku mnandi, kuba ndandisebenza ndifumana into yokondla abantwana bam. Lamsebenzi ndandihlala emsebenzini. Umsebenzi wokuhlala emsenzini wawumnandi.

Ukungalali emsebenzini kwaku ngemandanga. Kuba yayingumngcipheko.uLwesine yayi lusuku lwethu lwekhefu, nalo olusuku lwalunobungozi. Wawukwazi ukunga fiki emsebenzini kusuku olu landelayo.

uKuphantse Sibanjwe ngama Polisa

©Eric Miller

Ngenye imini amapolisa aphantse asibamba, sibathandathu okanye isixhenxe sethu. Sisaphuma kwisikhululo sika loliwe sase Gugulethu, sabona ngenqwelo yama polisa iphambili kwethu. Amapolisa ekrobe nge festile athi, ‘Yimani apho niveze amapasi.’ ndandingaphambili kwabanye. Ipolisa laphuma kwelinye icala le nqwelo.

Njengokuba ephuma ndacinga, ‘Hayi, ndingabuyela njani kula mngxuma kwakhona? Andizokuze ndibavumele bandithathe.’ Ndahamba ndaya ngakumnyango we nqwelo okungathi ndiyokungena emnyangweni ovulekileyo ngemva, abanye ababekufuphi babe ndihleka becinga ndizingenela ngokwam ukuya ejele. Kodwa ke, ndathi xandisondele kwi nqwelo, ndabaleka okombane. Balandela abanye, bebaleka nabo.

Andiyazi bayaphi, kodwa ndabalekela ekoneni ye hostele yamadoda eyenziwe nge konkrete, bandivulela. Babene bhedi ezise zantsi ze konkrete, nendawo ngaphantsi apho babe gcina impahla zabo khona. Bakhawuleza bandifihla kuzo, omnye wahlala ebhedini. Angena amapolisa. Babehlala benomsindo, bengathethi kakuhle. Bangxola, ‘Siboniseni uphi’.

Amadoda athi, ‘akhomntu apha. Asibonanga mntu.’ Amapolisa aqalisa ukukhangela. Ndandiyiva ingxolo yezihlangu zabo emhlabeni, ndayiqonda nje okokuba baninzi. Kodwa zange bandifumane, kuba zange bacinge ukujonga phantsi kwe bhodi.