Ama San

© Shem Compion

Ama San ngabona bantu bakudala balapha eMazantsi Afrika, baphile iminyaka engama 20 000. Ama San afumene ingqwalaselo kubantu abaziwa njenge (Anthropologist) (bathi bafunde amasiko nenkcubeko yeqela elithile kwindawo elihlala kuyo eloqela) kunye nonondaba ngenxa yokukwazi ukuziphilela nokuzongela ubutyebi bolwazi ngendalo nezityalo zase Mzantsi Afrika, kunye nobutyebi besintu nemveli.

Inkolelo ibikhona iminyaka emininzi kukuba ama San kwihlathi iKalahari lase Botswana ne Namibia yayi zinzalelwane zaba phambukeli abasuswe kwiindawo ezincencesheliweyo zase Mzantsi Afrika. Eneneni ulwazi lwembali olu gciniweyo lubonakalisa okokuba iKalahari igcwele ngabazingeli - nabaqokeleli balemihla.

Aba bantu bafundwe ixesha elide zi Anthropologists ne Archaeologists, befuna ukudibanisa phakathi kwabazingeli balemihla nezinyanya zabo. Ama San, kodwa ke awazizo 'iinkalanzinzi': njengaye nabani bayatshintsha ngokwemeko. Abazingeli - nabaqokeleli be Kalahari namhlanje bagcine okuninzi ngobomi bakudala, kodwa ke abayichasanga indlela yehlabathi kulemihla kunye nezomnotho.

I-Nkolo nee Nkolelo yama San

Kukho iinkolelo ezininzi ezohlukileyo phakathi kwamaqela ama San ohlukileyo, kodwa ke kuninzi okufanayo, nakwi ndawo ezohlukene kakhulu. Eku...more

Imizobo Yemiqolomba yama San

Imizobo emihle ekhethekileyo eshiywe zizinyanya zama San kumatye nakumadonga emiqolomba kunye nezindlu zezona ngaphandle kwamathandabuzo zic...more

Indlela Yokuphila yama San

Kumaxesha ohlukileyo kunye neendawo ezohlukileyo, abantu abathetha ulwimi lwama San baphile ngendlela ezininzi ezohlukileyo; ama San asehlat...more

Uluntu lwama San

Izinyanya zama San kuqikelelwa okokuba ngabantu bokuqala ukufika kweli lo Mzantsi e-Afrika, nendawo ezigcina ulwazi lwembali zibuyela umva k...more