Ama Apile

© Louise Brodie

Ama apile zezinye zezona ziqhamo zaziwayo neziveliswayo kwihlabathi lonke liphela. Imithi yama apile nekwabizwa nge Malus pumila yaqala ukukhula kumbindi welizwekazi lase Asia. Waze lomthi watyalwa khona apho e-Asia, Europe, nase Mntla Melisa amakhulu khulu eminyaka. Imveliso ye Apile nokutyiwa kwalo kuyinxalenye ebalulekileyo kwiizithethe ezininzi, njenge siqhamo i-apile lixatyiswe kwaye libaluleke kakhulu kwizithethe nakwiintlanga ezinzi. 

Ama apile ziziqhamo ezimnandi ezikhula emithini. Imithi yama apile idubula iintyatyambo ngexesha le ntwasahlobo kwaye ichunyiswa ziinyosi. Esi siqhamo sityiwayo sikwanexolo elityiwayo kwaye sikhula ngexesha lase ntwasahlobo nase hlotyeni. Siye sivuthwe ngokugqibeleleyo ekupheleni kwehlobo okanye ekuqaleni kwexesha lase kwindla. Imithi yama apile ingakhuliswa ngembewu. Kodwa ke kwimveliso yentengiso, kuxhaphake ukuba izihlahla zihlonywe/zakhelelwe kwiziqu zomthi ongangenwa lula zizifo.

Iindidi ezahlukeneyo zilinyelwa incasa yazo eyahlukilyo kwakunye neenjongo ezithile; ezifana nokutyiwa kwawo ewodwa okanye ukuphekwa kwanoku khanyelwa ijusi okanye kwimveliso ye cider.

Translated by Zizipho Silwana

Imveliso yeApile

I-apile sesinye sezona ziqhamo zexhaphake, kwaye ziveliswa kwiindawo ezininzi. Ama apile aveliswa kwimimandla efudumeleyo kwihlabathi lonke....more