Abantu base K2 e-Mapungubwe

K2 – Hayi, Hayi intaba (1000 AD -1220 AD)

©Roger de la Harpe

Ubukho be Zhizho e-Schroda, eyona ndawo efundiweyo yeziza zakudala kwikoloni yase Limpopo, buhlale kangange xesha elisuka pha kwi 900 ukuya kwi 1000 AD. Ngoko, iqela labantu abatsha abagqibo fika bangene emrhobheni, lonto yenze ukuba oluhlanga lwe-Zhizho luhambe ngokukhawuleza kulondawo.

Ababantu bafike bephethe udidi olwahlukileyo lomsebenzi wobumbo obunemihombiso eyahlukileyo, into ebibonakalisa ukuba basondelelene nenkcubeko yeHlosi ebikhona eZimbabwe nakumntla wo Mzantsi Afrika. Basungule esabo isixeko basibiza i-K2, emazantsi wentaba i-Bambandyanalo.

Baqhubekeke ngokugcwalisa lendawo kwiminyaka eyi 200 elandelayo. i-K2, ingadityaniswanga nenqanaba le-Himalayan elinegama elifanayo, yintaba yesibini ephezulu apha emhlabeni emva kwe Everest. i-K2 ibizwe emva kwenkqubo yokubala ngokulandelana iindawo zokuhlala eyaziwa nge Koms.

Kusengqiqweni ukucinga ukuba abahlali babizwe kumlambo we-Limpopo ngenxa yesithembiso sendlovu kunye nese-ayivori ezazitsale i-Zhizho. Ubungqina bezinto zakudala bubonakalisa ukuba imvula ibinethat kakhulu ngelixesha, lonto yanika ithemba kwezolimo.

Ubungqina beZolimo

©David Fleminger

Ekugqibeleni, inkcubeko yase K2 iye yaba ngumcimbi omkhulu kune Zhizo ethobekileyo. Kwinqanaba eliphezulu, i-K2 ibilikhaya kubantu abayi 1500, mhlawumbi yahlula phakathi kumadlelo amaninzi alungiselelwe pha ngasekhaya. Induna enamandla ibiyiyo elawulayo kunye neenduna ezithobekileyo kwaye namadoda aphezulu ebesebenza phantsi kwakhe. Isixeko se K2 sande kuyo yonkindawo kangange hektare eziyi 5 futhi inani elincinci lamakhaya luye lwamiswa kuyo yonke indawo.

Ngokungafaniyo ne Zhizo, ezidolophana ezikufutshane bezime kwizandyondyo ezichumileyo zaseLimpopo. Kukhona ubungqina obuthi abantu base K2 bazame udibaniso lokutya kunye nezolimo. Bakhulise i-millet, amabele, iimbotyi kunye nemelon, futhi bagcine iigusha, iibhokwe kunye neenkomo. Mhlawumbi nabo bebezingela ukungeza kwisidlo sabo.

Kuthiwa indawo zokuhlala zase K2 bezilungiselelwe ecaleni kwe Central Cattle Pattern futhi zahlulwe ngezakhiwo zexesha lentsimbi kulo lonke ilizwe. Ulungiselelo lendawo beluquka isibaya senkomo kunye nezandlwana emaphakathini kwendawo.

Ukubeka iimfuyo kumphakathi welali ubusebenza kwaye linomfuziselo; ukubonakaliswa kweze politiki kunye nokubalukeka kwentlalo yemfuyo koluhlobo lomphakthi. Iinkomo bezisetyenziswa uhlawula amatyala, iqinise imitshato (lobola) nokusombulula ingxabano kunye nokubonisa ukunyaniseka kumphathi. Eqinisweni, amandla wendoda ebelinganiswa nenani leenkomo zayo.

Imingcwabo yase K2

©David Fleminger

E-K2, isibaya semfuyo esiphakathi singqinelwa yidiphosithi yobulongwe, kunye nentsalela yezindlu ecaleni komhlaba. Izindlu zase K2 kucingelwa ukuba bezimboxo zenziwe ngendonga ezinziwe nge daga (umxube wodaka nobulongwe). Umphantsi woma wenziwe ngamatye okanye udongo kwaye uphahla lwenziwe ngengca.

Le ibiyindawo yomfazi, amangcwaba angaphezu kwe 90 agrunjelwe ecaleni kwalendawo yabafazi. Amadoda, kweyawo indima, ebengcwatywa phakathi okanye ecaleni kwe sibaya. Imingcwabo yase K2 ilandela uhlobo olufanelekileyo. Imizimba ibingcwatya ngesikhundla sokulala iintloko zabo zijonge entshona, apho ilanga liphuma khona. Abafazi bona bebelala ekhohlo, amadoda wona ebephumla ngasekunene (icala eliphezulu).

Inani lemingcwabo engaqhelekanga beluqulathe amathambo wezilwanyana kunye nobumba oluphukileyo belufumaneka nalo, kwaye kwacingwa ukuba lunentsingiselo yomoya. Indawo yokuhlala e K2 yahlulwe ngenxa yesimo sokuhlala. Abantu abangatshatanga bahlala bodwa phambi kwesixeko futhi iinkokheli ezinamandla bezihlaliswa kwintloko yesibaya, kude nasebantwini abaqhelekiyo. Njengokuba indawo ikhula ulawulo lwentalo luye lwachazwa kakhulu.

Translated by Aviwe Damane